Ke kaloku kwathi, xa ahleliyo uDavide endlwini yakhe, wathi uDavide kuNatan umprofeti, Uyabona, mna ndihleli endlwini yemisedare;* ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova iphantsi kwamalengalenga.