Wathi kubo, Niziintloko zezindlu zooyihlo kubaLevi; zingcwaliseni nina nabazalwana benu, ninyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli, ize apho ndiyilungiselele khona;