4. noIshmaya waseGibheyon, igorha kula mashumi mathathu, elaliphethe amashumi amathathu; noYeremiya, noYahaziyeli, noYohanan, noYozabhadi waseGedere;
5. uEluzayi, noYerimoti, noBhehaliya, noShemariya, noShefatiya umHarufi;
6. uElikana, noYeshiya, noAzarele, noYohezere, noYashobheham, amaKora;
7. noYohela noZebhadiya oonyana bakaYeroham waseGedore.
8. KumaGadi awazahlulela ukuya kuDavide emboniselweni, asinga entlango, ngamadoda anobukroti, amadoda omkhosi okulwa, exhobe ikhaka nomkhonto; ubuso bawo bunjengobengonyama, enjengamabhadi asezintabeni ukukhawuleza kwawo.
9. NguEzere owokuqala; nguObhadiya owesibini; nguEliyabhi owesithathu;
10. nguMishemana owesiné; nguYeremiya owesihlanu;
11. nguAtayi owesithandathu; nguEliyeli owesixhenxe;
12. nguYohanan owesibhozo; nguElizabhadi owesithoba;
13. nguYeremiya oweshumi; nguMakebhanayi oweshumi elinanye.
14. Abo, koonyana bakaGadi, ibiziintloko zomkhosi. Emnye kubo engomncinane ubelilingene ikhulu; omkhulu kubo ubelilingene iwaka.
15. Ngabo abo bayiwelayo iYordan ngenyanga yokuqala, izele, ihamba phezu kweendonga zayo; bagxotha bonke abasezintilini empumalanga nasentshonalanga.