27. Ke uYehoyada waye eyingànga yama-Aron; wayenamawaka amathathu anamakhulu asixhenxe.
28. UTsadoki, indodana eligorha elinobukroti, nendlu kayise, ngabathetheli abamashumi mabini anababini.
29. Koonyana bakaBhenjamin, abazalwana bakaSawule, ngamawaka amathathu; kwada kwaba ngoku uninzi Iwabo lugcina isigxina sendlu kaSawule.
30. Koonyana bakaEfrayim ngamawaka amashumi mabini, anamakhulu asibhozo amagorha anobukroti, amadoda anegama ezindlwini zooyise.