12. nguYohanan owesibhozo; nguElizabhadi owesithoba;
13. nguYeremiya oweshumi; nguMakebhanayi oweshumi elinanye.
14. Abo, koonyana bakaGadi, ibiziintloko zomkhosi. Emnye kubo engomncinane ubelilingene ikhulu; omkhulu kubo ubelilingene iwaka.
15. Ngabo abo bayiwelayo iYordan ngenyanga yokuqala, izele, ihamba phezu kweendonga zayo; bagxotha bonke abasezintilini empumalanga nasentshonalanga.
16. Kwaya aboonyana bakaBhenjamin bakaYuda emboniselweni kuDavide.
17. Waphuma uDavide, waya kubakhawulela, wathi kubo, Ukuba niza kum ninoxolo, ukuba nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; ke ukuba nize kundikhohlisa, nindinikele kubabandezeli bam, kungekho lugonyamelo esandleni sam, wóbona uThixo woobawo bethu, ohlwaye.
18. Umoya wamthi gqubuthu uAmasayi, intloko yabaphathi-mikhosi, wathi, Singabakho, Davide; singakuwe, nyana kaYese. Uxolo, uxolo lube kuwe, uxolo lube kubancedi bakho; ngokuba úya kuncéda uThixo wakho. Wabamkela ke uDavide, wabamisa baziintloko zamaqela.