1. Nâbá, abeza kuDavide eTsikelage, esavingcelekile ngenxa kaSawule unyana kaKishe; bona bekumagorha, bencedisa emfazweni,
2. bexhobe izaphetha, besawula ngamatye ngesokunene nangesokhohlo isandla, betola ngeentolo, bengabakubazalwana bakaSawule, bengabakumaBhenjamin.
3. Intloko ibinguAhiyezere noYowashe, oonyana bakaShemaha waseGibheha; noYeziyeli noPelete, oonyana baka-Azemavete; noBheraka, noYehu waseAnatoti;
4. noIshmaya waseGibheyon, igorha kula mashumi mathathu, elaliphethe amashumi amathathu; noYeremiya, noYahaziyeli, noYohanan, noYozabhadi waseGedere;
5. uEluzayi, noYerimoti, noBhehaliya, noShemariya, noShefatiya umHarufi;
6. uElikana, noYeshiya, noAzarele, noYohezere, noYashobheham, amaKora;
7. noYohela noZebhadiya oonyana bakaYeroham waseGedore.
8. KumaGadi awazahlulela ukuya kuDavide emboniselweni, asinga entlango, ngamadoda anobukroti, amadoda omkhosi okulwa, exhobe ikhaka nomkhonto; ubuso bawo bunjengobengonyama, enjengamabhadi asezintabeni ukukhawuleza kwawo.
9. NguEzere owokuqala; nguObhadiya owesibini; nguEliyabhi owesithathu;
10. nguMishemana owesiné; nguYeremiya owesihlanu;
11. nguAtayi owesithandathu; nguEliyeli owesixhenxe;