28. uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti;
29. uSibhekayi umHusha;
30. uIlayi umAhowa; uMaharayi waseNetofa; uHelede unyana kaBhahana, waseNetofa;
31. uItayi unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; uBhenaya wasePiraton;
32. uHurayi wasezihlanjeni zaseGahashe;
33. uAbhiyeli waseArabha; uAzemavete waseBhaharum; uEliyabha waseShahalebhon;
34. uBhene-hashem waseGizon; uYonatan unyana kaShage, umHarari;
35. uAhiyam unyana kaSakare, umHarari;
36. uElifali unyana kaUre; uHefere umMekera;