22. UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.
23. Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite* zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe.
24. Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha.
25. Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa àkafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
26. Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem;
27. uShamoti waseHarodi; uHeletse umPelon;
28. uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti;
29. uSibhekayi umHusha;
30. uIlayi umAhowa; uMaharayi waseNetofa; uHelede unyana kaBhahana, waseNetofa;
31. uItayi unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; uBhenaya wasePiraton;
32. uHurayi wasezihlanjeni zaseGahashe;
33. uAbhiyeli waseArabha; uAzemavete waseBhaharum; uEliyabha waseShahalebhon;
34. uBhene-hashem waseGizon; uYonatan unyana kaShage, umHarari;
35. uAhiyam unyana kaSakare, umHarari;
36. uElifali unyana kaUre; uHefere umMekera;
37. uAhiya umPelon; uHetsero waseKarmele; uNaharayi unyana kaEsebhayi;
38. uYoweli umzalwana kaNatan;