47. Baza bathi abaFarasi: “Ngaba unilahlekisile na nani?
48. Kwiinkokheli zethu nakubaFarasi ngaba kukho mntu wakha wakholwa kuye?
49. Baqalekisiwe abantu abangawaziyo *umthetho kaMosis.”
50. KubaFarasi abo kwakukho noNikodimo lowo wayekhe wadlana iindlebe noYesu, waza ke yena wathi kubo:
51. “Umthetho wethu awuvumi okokuba umntu agwetywe lingathanga laxoxwa ityala lakhe, kwacaca oko akwenzileyo.”
52. Baza bathi kuye: “Ngaba nawe lo ungowaseGalili na? Khawuphengulule *iziBhalo ubone, kuba akukho *mshumayeli uvela eGalili.”[
53. Baza bagoduka ke bonke.]