19. Ndathi ke mna: ‘Nkosi, bazi kakuhle ukuba ndandifika ndibabambe abo bazinikele kuwe, ndibabethele apho *ezindlwini zesikhungo.
20. Kanti nangamhla kwakubulawa uStefano, ingqina lakho, nam ndandikho. Ndandihambisana nokugwintwa kwakhe, neempahla zababemgebenga zigcinwe ndim lo.’
21. Yathi kum iNkosi: ‘Hamba, kuba ndiza kukuthuma kude kweleentlanga.’ ”
22. Babemphulaphule abantu uPawulos, kwada kwaza kutsho kule ndawo; basuka ke batsho ngentswahla besithi: “Msuse! Bulala loo nto!”
23. Kwakuthe nzwii yingxolo, bejiwuzisa iimpahla zabo, kuqhuma uthuli.
24. Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamajoni amaRoma yathi uPawulos makangeniswe enqabeni yawo, akatswe, kuncinwe unobangela wento amxhibe ngayo amaJuda, ukuze angxole kangaka.
25. Kuthe sebembophelele, beza kumkatsa, uPawulos wabhekisa kumphathi-butho owayemi apho, wathi: “Khawutsho, kusemthethweni ukuba ungámbetha ummi ongumRoma engakhanga afunyanwe enetyala?”
26. Umphathi-butho akuyiva le nto, waya kwingqwayi-ngqwayi, wathi: “Uza kuthini ke? Lo mfo ngummi ongumRoma.”
27. Ingqwayi-ngqwayi ke yaya kuPawulos, yathi: “Khawutsho: ungummi ongumRoma wena?” Wavuma uPawulos.
28. Ingqwayi-ngqwayi yaqhuba isithi: “Ndahlawula imali eninzi ukuze ndibe ngummi ongumRoma.”UPawulos wathi ukuphendula: “Kodwa ke mna ndinguye ngokuzalwa.”
29. Kwangoko loo madoda ayeza kumncina uPawulos arhoxa, ingqwayi-ngqwayi yoyika yakuqonda ukuba uPawulos wayengummi ongumRoma, imkhonkxe ngamatyathanga nje.
30. Ingqwayi-ngqwayi yafuna ukuqiniseka ngetyala awayemmangalela ngalo amaJuda uPawulos. Ithe ke ngengomso makakhululwe amatyathanga uPawulos, kubizwe ababingeleli abaziintloko kunye *neBhunga xa lilonke. Yaza ke yeza kummisa phambi kwentlanganiso uPawulos.