33. Emva kwexesha belapho bakhululwa ngoxolo ngamakholwa, baza bagoduka. [
34. Kodwa uSilas yena wabona ukuba makasale khona.]
35. UPawulos noBharnabha bona bakhe banexesha belapho eAntiyokwe. Bekunye nabanye balifundisa, balishumayela, ilizwi leNkosi.
36. Ekuhambeni kwexesha wathi uPawulos kuBharnabha: “Makhe sityelele amakholwa kuzo zonke iidolophu apho sasikhe salishumayela khona ilizwi leNkosi, siqonde ukuba aphila njani na.”
37. UBharnabha wafuna ukuba kuhanjwe noYohane Marko,