26. Wayetyhilelwe nguMoya oyiNgcwele ukuba akayi kufa engekamboni uKrestu weNkosi.
27. Waya endlwini kaThixo, ethunywa nguMoya. Kwathi ke, akungeniswa uYesu ngabazali bakhe, befezekisa umthetho,
28. uSimon wamfunqula, wabonga uThixo, wathi:
29. “Nkosi, ngokwesithembiso sakho,uyasikhulula ngoku isicaka sakho sinoxolo,
30. kuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,
31. olulungiselele bonke abantu,
32. ulukhanyiso lokukhanyisela iintlanga,lubalula abantu bakho amaSirayeli.”