9. Ke, ngaba thina maJuda silungile na kunabanye? Hayi, nakanye! Kaloku sendiwatyholile amaJuda kwanabezinye iintlanga ndisithi basesonweni bebonke,
10. njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Akukho namnye ulilungisa;
11. akukho mntu uqondayo;akukho umfunayo uThixo!
12. Bonke bamfulathele;akukho yabo xa bebonke.Akukho wenza okulungileyo;hayi namnye!
13. Yinto ebolileyo intetho yabo;ngeelwimi zabo bahlala bekhohlisa.Amazwi emilebe yabo abubuhlungu benyoka;
14. umlomo wabo uzele zizishwabulo ezikrakra.
15. Bakungxamele ukuphalaza igazi;
16. yimbuqe nosizi emkhondweni wabo;
17. yona indlela yoxolo abayazanga;
18. ewe, abamoyiki konke uThixo.”
19. Siyazi ke ukuba konke okuthethwa ngumthetho, kuwiselwa abaphantsi komthetho; ukuze bonke basikwe umlomo, nehlabathi lonke lifumaneke linetyala kuThixo.