14. umlomo wabo uzele zizishwabulo ezikrakra.
15. Bakungxamele ukuphalaza igazi;
16. yimbuqe nosizi emkhondweni wabo;
17. yona indlela yoxolo abayazanga;
18. ewe, abamoyiki konke uThixo.”
19. Siyazi ke ukuba konke okuthethwa ngumthetho, kuwiselwa abaphantsi komthetho; ukuze bonke basikwe umlomo, nehlabathi lonke lifumaneke linetyala kuThixo.
20. Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.
21. Ngoku ke indlela uThixo abalungisa ngayo abantu ibonakalisiwe, ingeyiyo eyomthetho. Kambe ke iyangqinelwa *ngumthetho kaMosis *nangabashumayeli bamandulo.
22. Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe.