Nina zintlanga nikhiwe kumnquma wasendle, naza nathi ngokunxamnye nemvelo namiliselwa kumnquma otyaliweyo. NgamaSirayeli kaloku amasebe omnquma otyaliweyo. Ngenxa yaloo nto ke kulula kuThixo ukuwamilisela kwakuloo mnquma.