Nani baphathi yenzani kwangokunjalo ngokubhekiselele kwizicaka zenu. Yekani ukusoloko nizigrogrisa. Khumbulani ukuba nina kwakunye nezicaka zenu ningabeNkosi enye esezulwini, egweba wonke umntu ingenamkhethe.