13. Kambe ke, ngoku kusathiwa “namhlanje,” khuthazanani yonke imihla, ukuze kungabikho mntu uqaqadekiswa ngumtsalane wesono.
14. Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.
15. *IziBhalo xa zisithi:“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube,”
16. zibhekisa kubani? Ngoobani abo bevayo kodwa bagwilika? Kaloku ngabo babephuma eJiputa bekhokelwa nguMosis.
17. Ingoobani abo bamcaphukisayo iminyaka engamashumi amane uThixo? Ngokuqinisekileyo ngabo bonayo, abazidumbu zathi waca entlango.