6. Ukubonakalisa ukuba ningoonyana bakhe, uThixo unambese ngoMoya woNyana wakhe. Lowo ke ngulo Moya nidanduluka ngaye nithi: “Tata.”
7. Ngoko ke anisezizo izicaka, koko ningoonyana. Ukuba ke ngoko ningoonyana bakhe, uThixo uya kunenza iindlamafa.
8. Mandulo, ngokuya naningamazi uThixo, nanibopheleleke kwizinto ezingenguye uThixo.
9. Kodwa ngoku nimaziyo uThixo – gxebe, ngoku naziwayo nguThixo – kutheni ukuba niphindele kwezo zithethe zingento, ziphuthileyo? Ngani ukuba niphinde nizikhobokise ngazo?
10. Ngoku senihlonipha iintsuku, neenyanga, namaxesha, neminyaka ethile!