Ndaza ke ndabona iXhwane limi bhuxe esazulwini sebhotwe. Lalingqongwe zizilwanyana ezine, ngokunjalo nangamadoda amakhulu. IXhwane eli lalibonakala ngathi lagwintwa. Lalineempondo ezisixhenxe, namehlo asixhenxe, angooMoya abasixhenxe bakaThixo abathunyelwe ehlabathini liphela.