5. Kaloku izono zakhe ziyimfumba eye kufikelela ezulwini. Kambe ke uThixo akawalibalanga amatyala akhe.
6. Mbuyiseleni kwaizitya zakhe! Mbuyekezeni ngokuphindiweyo ngezenzo zakhe! Isikhuni masibuye nomkhwezeli!
7. Iinzingo nokungcungcutheka kwakhe mazifane nodumo nozuko ebekade ekulo. Kaloku uthi xa ezithuthuzela: ‘Ndiyikumkanikazi, kukhonya mna! Soze ndigixe, andingomhlolokazi!’
8. Ngenxa yale nto ke, uya kuhlelwa zizibetho ngamini-nye: izifo, iinzingo, nendlala. Uya kutshiswa ngumlilo. Kaloku uThixo omgwebayo unamandla.
9. “Ookumkani behlabathi ababerheletya naye, bexhamla intlala-kahle kunye naye, baya kukhala bakuwubona umsi womlilo omtshisayo.