Izimilo zenu mazibe zihle kangangokuba nabahedeni baniqonde ukuba aninabala. Xa kunjalo ke baya kuthi nokuba bayanityhola ngokungcola, babuye bavume ukuba nimsulwa. Ngaloo ndlela ke baya kumdumisa uThixo ngomhla wokufika kwakhe.