1. Laphinda lafika ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke lisithi:
2. “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Ndinekhwele elikhulu ngeZiyon; ewe, ikhwele lam lishushu ngakuyo.”
3. Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kubuyela eZiyon, ndime eJerusalem. IJerusalem kothiwa sisixeko senyaniso, ke yona intaba kaNdikhoyo onamandla onke kothiwa yintaba engcwele.”
4. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ezitalatweni kuya kubakho amaxhego namaxhegokazi atotobayo, elowo ephethe umsimelelo esandleni sakhe,
5. kananjalo izitalato zizale ngamakhwenkwe namantombazana adlala kuzo.”
6. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Inokubonakala ingummangaliso kumasalela abantu ngelo xesha, kodwa ingaba ingummangaliso na kum, mna Ndikhoyo onamandla onke?” Ewe, utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:
7. “Abantu bam ndiya kubahlangula kuloo mazwe asempuma nasentshona.
8. Ewe, ndobabuyisa beze kuma eJerusalem. Bona baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, ndinyaniseke kubo, ndibaphathe ngobulungisa.”