1. Ke kaloku ilizwi *likaNdikhoyo lafikela uZakariya ngomhla wesine kwinyanga yethoba uKislevu, kunyaka wesine wolawulo lukakumkani uDariyo.
2. Abantu baseBhetele bathumela uSherezere noRegem-meleki namanye amadoda ukuba baye endlwini kaNdikhoyo, bathandazele intsikelelo kaNdikhoyo,
3. babuze kubabingeleli bendlu kaNdikhoyo onamandla onke *nakubashumayeli, bathi: “Ngaba kusafuneka siqhubele phambili silile, sizile nokutya na, nangale yesihlanu inyanga, njengoko siqhele ukwenza iminyaka ngeminyaka?”
4. Ilizwi likaNdikhoyo onamandla onke lafika kum lisithi:
5. “Baxelele bonke abantu beli lizwe, ngokunjalo nababingeleli, uthi: ‘Ngokuya benizila ukutya nilila kwinyanga yesihlanu neyesixhenxe, kule minyaka imashumi asixhenxe idlulileyo, ngaba benizila ukutya nizilela mna ngqo?