48. Ezi zixeko nezi lali zaba ngumhlaba owaba lilifa lesizwe sakwaDan.
49. Athi akugqiba ukuwaba amaSirayeli umhlaba, abela uYoshuwa unyana kaNune elakhe ilifa
50. ngokomyalelo *kaNdikhoyo. Amnika iTimnata-sera, isixeko awasicelayo. ITimnata-sera yayikweleentaba kwaEfrayim. Wasivusa eso sixeko uYoshuwa, wahlala apho.
51. UElazare umbingeleli, ekunye noYoshuwa unyana kaNune, kwakunye neentloko zezindlu zezizwe zakwaSirayeli, babeyaba le mimandla ngokwenza *amaqashiso phambi koNdikhoyo eShilo ngasekungeneni *kwesibingelelo. Bawaba ke ngolo hlobo loo mhlaba bada bagqiba.