1. *UNdikhoyo uqhube wathi kuYobi:
2. “Ngaba ufuna ukubambana noSomandla,usalatha iimpazamo zakhe?Wena omangalela uThixo, phendula.”
3. Ke yena uYobi uphendule *uNdikhoyo wathi:
4. “Xa kungokunje ndiyaqonda ukuba andinto yanto.Ndingaba saphendula ndithini?Kungokunje ndidl' imu.
5. Ewe, ndithethe ndaphinda-phinda,kambe ke ngoku ndosuka ndiwuthunge.”
6. Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi:
7. “Khawuqule, ume njengendoda;mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.
8. “Ngaba ufuna ukusisingela phantsi isigwebo sam?Ugweba mna ukuze wena ugwetyelwe?