25. Ngokuya uThixo wayemisela umoya amandla awo,namanzi ewacandela umda wawo,
26. nemvula eyenzela ummiselo wayo,nombane ewalathisa indlela,
27. kanye ngelo thuba ke uThixo wabubona wabuphicotha ubulumko,waza ke wabumisela wabugoca-goca.
28. Ke uluntu waluyalela wathi:‘Niyabona, ofuna ubulumko makathobele uThixo;ofuna ukuzuza ulwazi makabucezele ububi.’ ”