17. Kanti nomfazi wam weenkomo selekhutyekiswa kukuphefumla kwam;sendiliqaqa nakwabesizalo sikama.
18. Sendidelwe nangabantwana aba bembala;bathi ndakuthi gqi bakrukrutheke yintsini.
19. Endandikade ndilala ngengub' enye nabo, bayandicaphukela;ukanti nâbo ndibathandayo bandivukele.
20. Izihlunu zam sezithe nca emathanjeni,nolusu lwam sendilonwaya ngamazinyo.
21. “Hoyina! Hoyina, balingane bam; khanibe nebuya-mbo!Kaloku sisandla sikaThixo esi sindenze ndanje!
22. Ngani ukuba nani ninditshutshise njengoThixo?Hayi kaloku, noko ngoku sekwanele!
23. Akwaba ebekho owabhalayo la mazwi am;akwaba ebeshicilelwe encwadini!
24. Ngenene akwaba la mazwi ebekrolwe elityeni ngentsimbi ebukhali nangelothe,khon' ukuze ahlale ehleli nanini nanini!
25. Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.