64. Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.
65. Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.
66. Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo: amaSirayeli ewonke 42 360
67. izicaka nezicakazana 7 337 iimvumi neemvumikazi 245
68. amahashe 736 iimeyile 245
69. iinkamela 435 iidonki 6 720
70. Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo:Umlawuli: iikhilogram zegolide 8 izitya zokutshiza 50 izambatho zababingeleli 530
71. Iintloko zezindlu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 1 250
72. Abanye abantu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 140 izambatho zababingeleli 67
73. Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo.Ke kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,