28. Neemvumi zaqokelelwa kummandla ojikeleze iJerusalem, nakwiilali zamaNetofa,
29. naseBhete-giligali, nakummandla waseGebha, naseAzemavete. Kaloku iimvumi ezo zazizenzele iilali kummandla ojikeleze iJerusalem.
30. Akuba ezihlambulule wona ngokwawo abaLevi ahlambulula nabantu, amasango, kwanodonga.
31. Iinkokheli zakwaJuda ndazidibanisa phezu kodonga. Ndamisela neekwayala ezinkulu zambini, zatsho ngemibongo. Enye yaqabela phezu kodonga, yajonga ngasekunene ekuyeni kwiSango lobuLongwe.
32. UHoshaya nesiqingatha seenkokheli zakwaJuda zalandela
33. kunye noAzariya, uEzra, uMeshulam,
34. uJuda, uBhenjamin, uShemaya, uJeremiya,
35. kunye nabanye ababingeleli, bephethe amaxilongo, uZakariya unyana kaJonatan, kaShemaya, kaMataniya, kaMikaya, kaZakure, ka-Asafu,
36. namahlakani akhe, uShemaya, uAzarele, uMilalayi, uGilalayi, uMayi, uNataniyeli, uJuda, noHanani, benezikhalisi ezamiselwa nguDavide umfo wakwaThixo. Ke loo mngcelele wawukhokelwa nguEzra umchazi-mthetho.