12. Sisiphi na isilumko esinokuyiqonda le nto? Ngubani oyixelelweyo nguNdikhoyo onokuyichazela abanye? Kungani ukuba lo mhlaba utshatyalaliswe, ube ngumqwebedu wentlango engenakuhanjwa bani?
13. UNdikhoyo uthi: “Bawutyeshele umyalelo wam endabanika wona, àbalithobela ilizwi lam ukuze bahambe ngalo,
14. koko basuka bona balandela iintliziyo zabo ezinenkani, balandela iindlela zooBhali abazifunda kooyise.”
15. Ke ngoko utsho uSomandla-onke uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Aba bantu ndiza kubanika ukutya okunedliso, ndibaseze amanzi anetyhefu.
16. Ndiza kubathi saa phakathi kweentlanga abangazaziyo, ezingaziwayo nangooyise, ndibasukele ngekrele ndide ndibatshabalalise.”
17. Utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Qiqani!Memani abafazi bokuzila,nditsho awona amacikokazi,bahlabele iingoma zesililo.
18. Mabakhawulezise batsho ngesililo,side sintywizise iinyembezi,de amehlo ethu aphalale zizo.
19. Phulaphulani, isililo sivela eZiyon sisithi:‘Awu! Safa saphela!Hayi, ihlazo esikulo!Salishiya ilizwe lakowethu;izindlu zethu zidiliziwe.’ ”
20. Bafazindini, liveni ilizwi likaNdikhoyo.Wabekeleni iindlebe amazwi omlomo wakhe.Fundisani iintombi zenu isimbonono;fundisanani ingoma yesililo.
21. Ukufa kuthubeleze ngeefestilekwatsho phakathi ezindlwini ezinqatyisiweyo;kubanqunqele phantsi abantwana besadlal' esitalatweni,kwabachitha-chitha abafana ezimbuthweni.
22. Kanti ngaphezu koko uNdikhoyo uthi mandithi:“Izidumbu ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe,njengengqolowa esikwe yashiywa ngumvuni ingenabani wakuyiqokelela.”
23. Uthi uNdikhoyo:“Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso;igorha malingaqhayisi ngobugorha balo;nesihandiba masingazidli ngobutyebi baso.
24. Ke lowo uqhayisayo makaqhayise ngokundazi nokundiqonda;kuba mna ndinguNdikhoyo owenza izibele emhlabeni,nokulungileyo, nobulungisa.Nazo ke izinto ezindikholisayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.