Wafunga uGedaliya, unyana ka-Ahikam, umzukulwana kaShafan, wathi kubo nabalandeli babo: “Ze ningoyiki ukuwakhonza amaKaledi. Hlalani apha kweli lizwe, nithobele ukumkani waseBhabheli. Xa nenjenjalo niya kulungelwa.