1. Watsho kum *uNdikhoyo ukuthi: “Yiya kuthenga ibhanti eyenziwe ngelinen, uyibhinqe esinqeni, kodwa ingaze idibane namanzi.”
2. Ndaya kuyithenga ke loo bhanti, njengokutsho kukaNdikhoyo, ndayibhinqa.
3. Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo, lisithi:
4. “Thatha le bhanti uyibhinqileyo, uye emlanjeni iEfrati, ufike uyifihle emfanteni kwiliwa elilapho.”
5. Ndahamba ke ndafika ndayifihla ngase-Efrati njengokutsho kukaNdikhoyo.
6. Emva kwexesha elide wabuya wathi kum uNdikhoyo: “Yiya e-Efrati, ufike uthathe laa bhanti ndandithe yifihle khona.”
7. Ndaya ke, ndafika ndayivumbulula apho ndandiyifake khona. Ndafika sele yonakele, kungasenakwenziwa nto ngayo.