1. Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;isihomo *sikaNdikhoyo sikujikelezile.
2. Nâbo ubumnyama phezu kwehlabathi;umnyam' ombonde-mbonde uvalel' izizwe.Kodwa ke uNdikhoyo uyakukhanyisela;ukukhanya kwesihomo sakhe kuphezu kwakho.
3. Oko kukhanya kotsala neentlanga,nezikumkani ngokwazo uzikhange loo mso.
4. Khawubheka-bheke ude uqwalasele;bonke bayaqokelelana, bayeza!Oonyana beza bevel' ekudeni;iintombi zona ziza zisingathiwe.
5. Wothi ungabona, utsho ube nemihlali;uya kutsho uhlasimle kukuchulumacha.Kaloku ubutyebi bezizwe boza kuwe;ubutyebi bothi gqi naphesheya kweelwandle.
6. Ilizwe lozala yimihlambi yeenkamelanamankonyane aseMidiyan naseHefa.NabaseShebha baya kuza begxalathelana,bepheth' igolide kunye nesiqhumiso,bebhengeza bedumisa uNdikhoyo.
7. Zonke iigusha zakwaKedare zoba zezakho;wosebenzisa iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti.Zona ziya kutsho ngamadini amkelekileyo eqongeni lam;ndoyihombisa indlu yam enesihomo.
8. Zinto zini ezi zibhabha njengamafu,ezi zingathi ngamahobe egoduka?