1. Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;isihomo *sikaNdikhoyo sikujikelezile.
2. Nâbo ubumnyama phezu kwehlabathi;umnyam' ombonde-mbonde uvalel' izizwe.Kodwa ke uNdikhoyo uyakukhanyisela;ukukhanya kwesihomo sakhe kuphezu kwakho.
3. Oko kukhanya kotsala neentlanga,nezikumkani ngokwazo uzikhange loo mso.
4. Khawubheka-bheke ude uqwalasele;bonke bayaqokelelana, bayeza!Oonyana beza bevel' ekudeni;iintombi zona ziza zisingathiwe.
5. Wothi ungabona, utsho ube nemihlali;uya kutsho uhlasimle kukuchulumacha.Kaloku ubutyebi bezizwe boza kuwe;ubutyebi bothi gqi naphesheya kweelwandle.
6. Ilizwe lozala yimihlambi yeenkamelanamankonyane aseMidiyan naseHefa.NabaseShebha baya kuza begxalathelana,bepheth' igolide kunye nesiqhumiso,bebhengeza bedumisa uNdikhoyo.
7. Zonke iigusha zakwaKedare zoba zezakho;wosebenzisa iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti.Zona ziya kutsho ngamadini amkelekileyo eqongeni lam;ndoyihombisa indlu yam enesihomo.
8. Zinto zini ezi zibhabha njengamafu,ezi zingathi ngamahobe egoduka?
9. Ziinqanawe ezivela emazweni,kukhokel' ezaseTashishe –nâzo zigodusa abantu bakaThixo.Beza bepheth' igolide nesiliva;ngazo badumisa igama likaNdikhoyo.Lowo ke nguThixo oyedwa kaSirayeli,yena unithe jize ngesihomo nesithozela.
10. KwiJerusalem ke uNdikhoyo uthi:“Iindonga zakho zokwakhiwa ziintlanga,izikumkani zazo ke zona zikuququzelele.Kuba kaloku ndanohlwaya ngomsindo,ke ngoku ndiyimvuze-mvuze ngobubele.
11. Amasango akho ohlala evulwe ng'aa!Imini nobusuku wona soze avalwe,ukuze abantu bakuzisele ubutyebi bezizwe,izikumkani zazo ziluludwe,zona zingumngcelele wabathinjwa.
12. Ke sona isizwe ndawonye nookumkanibonke abangakubusiyo botshabalala;baya kuvuthululwa baphele tu.