10. Yena wosebenza ngamandla awodwa,zibone zonke izizwe,usindiso loThixo wethu lutyhileke kuzo zonke iintlanga.
11. Ke nina phumani, hambani nimke apho,ningachukumisi nento le *enomlaza.Phumani ningenabala nimsulwa,baphathi bobuncwane bendlu kaThixo.
12. Namhla aniyi kuphuma magxabha-gxabha.Kaloku animki ngakuba nibhaca,koko nikhokelwa nguNdikhoyo.UThixo kaSirayeli wonikhusela ngeenxa zonke.
13. *UNdikhoyo uthi:“Isicaka sam sophumelela;siya kuphakamela phezulu ngendumasi.
14. Ke abaninzi bomangaliswa bakusibona;suka santleke-ntleke asazeka,imbonakalo yaso ingachazeki,singasafani nanyana wamntu.
15. Nangoku ke wochaphazela izizwe ezininzi,izikumkani zikhumnqe zisik' umlomo.Kaloku zobona zide ziqondisise nento ezingazange zayazi.”