4. UMhlekazi *uNdikhoyo undazisile into emandiyithethe,ukuze ndikhuthaze abo batyhafileyo.Ntsasa zonke undivusa ndiphulaphulenjengalowo ufundiswayo.
5. UMhlekazi uNdikhoyo undivule ingqiqo;nam ke zange ndivukelane naye,ngenene zange ndirhoxe kuye.
6. Ndazinikezela kwabo bandibethayo,kwabo banditsala-tsalayo, bencothula intshebe yam,bephatha kunditshicela ebusweni bendinyelisa.
7. Kaloku uMhlekazi uNdikhoyo uyandisiza;ngoko ke andiyi kuhlazeka.Ndikulungele ukunyamezela;ewe, andisayi kudana.
8. UThixo ondithethelelayo ukufuphi nam;yena wosuka andigwebele.Ngubani ke ongade andimangalele?Makeze kaloku, siye enkundleni;makachaze izityholo andibeka zona.
9. Mna ndithethelelwa nguMhlekazi uNdikhoyo.Ngubani ke onako ukundigweba?Abandimangalelayo boguga njengengubo;nabo baya kumemethwa ngamanundu.
10. Ngoobani na abamnqula ngentlonelo uNdikhoyo,abasiphulaphulayo isicaka sakhe?Ofikelwa bubumnyama, ekude nokukhanya,makathembele ngoNdikhoyo;ewe, makakholose ngoThixo wakhe.
11. Nina baphembi bamayelenqe,isikhuni sobuya nomkhwezeli.NguNdikhoyo oya kuyenza loo nto,ke wena ufe ungcungcuthekile.