4. Noda niguge nibe ziingwevumna ndisengulowo unixhasayo.Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;ewe, ndonigcina ndinihlangule.
5. “Kodwa-kodwa ndolinganiswa nabani?Ngubani na onjengam endinokufaniswa naye?
6. Abantu bakhupha igolide engxoweni,isiliva bayilinganisa esikalini,basuke baqeshe ingcibi, ibenzele uthixo;kamva ke basuka bee guqaqa bamnqule.
7. Bambeka emagxeni, bamtyathe;bambeke endaweni yakhe, eme bhuxe.Kaloku yena lutiniko olungashukumiyo.Udl' imu noba umntu uyazibika kuye;akakwazi kuhlangula mntu ezingxakini.
8. “Khumbulani le nto nizikise;khaniyiguqu-guqule, nina bavukeli.
9. Khanikhumbule iziganeko zamandulo,nivume ukuba mna ndinguThixo;ewe, akukho thixo ufana nam.