1. “Namhlanje uBhele uthotyiwe; uNebho uwe bhaxa!*Oothixo ebenikade nijikeleza nabonamhlanje batyabula imiqolo yezilwanyana.Ngenene baluxanduva lomthwalo.
2. Nâzo izilwanyana zisiwa zivuka.Akukho kusinda kuzo;zithinjwa kunye nomthwalo wazo.
3. “I-i-i-nzwi ke wena, ndlu kaYakobi!Ndiphulaphuleni nina masalela endlu kaSirayeli,nina endanixhasa kwasekukhawulweni kwenu,ndaza ndanisingatha kwasekuzalweni kwenu.
4. Noda niguge nibe ziingwevumna ndisengulowo unixhasayo.Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;ewe, ndonigcina ndinihlangule.
5. “Kodwa-kodwa ndolinganiswa nabani?Ngubani na onjengam endinokufaniswa naye?
6. Abantu bakhupha igolide engxoweni,isiliva bayilinganisa esikalini,basuke baqeshe ingcibi, ibenzele uthixo;kamva ke basuka bee guqaqa bamnqule.
7. Bambeka emagxeni, bamtyathe;bambeke endaweni yakhe, eme bhuxe.Kaloku yena lutiniko olungashukumiyo.Udl' imu noba umntu uyazibika kuye;akakwazi kuhlangula mntu ezingxakini.