19. Ezo ntlanga zidelelayo zophel' emehlweni,abantu abantetho ingacacanga,abapitiliza ulwimi eningaluqondiyo.
20. Khangelani iZiyon, isixeko samatheko amisiweyo;zisuka nje nokhangwa yiJerusalem,ikhaya lenzolo, umzi ongashukumiyo;ezawo izikhonkwane soze zancothuka,neentsontelo zawo soze ziqhawuke.
21. Apho ke uNdikhoyo woba nguThixo wethu onamandla,soba ngathi siphakathi kweentlambo nemilambo;kodwa akukho sikhephe siya kuhamba khona,kungekho nanqanawa ingangcambaza apho.
22. Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.Ikumkani yethu nguNdikhoyo;nguye oya kusisindisa.
23. Zona iintambo zenqanawa ziyeke-yeke;azisenako ukuyibamba intsika yayo,zingenako ukuyiqinisa neseyile.Boxhaphaz' amaxhoba bazanelise;kuya kuhlomla nesiqhwala esi sembala.
24. EZiyon akusayi kubakho ugulayo;zonke izono zabemi bayo ziya kuxolelwa.