Kodwa kodwa ngubani umcebi wale ntlekele;ifakwe ngubani iTire kulo mgxobhozo,yona eyayikade iphaka iimbasa?Abarhwebi bayo fudula ingamatshawe;hay' isidima sabo ehlabathini jikelele!