Ewe, abantu abaninzi baya kuza, bathi:“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,endlwini kaThixo kaYakobi.Yena wosifundisa iindlela zakhe,ukuze thina sihambe ngazo.”Kaloku umthetho wophuma eZiyon,liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.