21. Lona ke elo sikizi nanizenzele lona – nditsho loo nkunzi yenkomo nanizityhidele yona – ndayithatha ndayiphosa emlilweni. Ndaza ke kamva ndayikroboza ndayicola yangumgubo, ndaza ndawugalela kumlanjana owawuphuma apho entabeni.
22. “Kaloku naseTabhera, eMasa, naseKibroti-hatava namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu.
23. NaseKadeshe-bhaneya wathi akuniyalela ukuba ningene niwuthathe loo mhlaba wayenipha wona namvukela, anakholosa ngaye nimthobele.