“Ke zona iinduna ziya kubhekisa emkhosini zithi: ‘Ngaba kukho ndoda na apha kuni esandula ukwakha indlu, kodwa ingekayivuli? Xa kunjalo ke lowo makabuy' umva agoduke. Kungenjalo, xa athe akabuya emfazweni, loo ndlu yakhe iya kuvulwa mntu wumbi.