1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2. “Kwakukho abafazi ababini abâzalwa beziintombi zomfazi omnye.
3. Babengamahenyukazi kwaseJiputa beselula. Apho kwelo zwe babephathwa-phathwa amabele, becofwa-cofwa iingono.
4. Igama lalo mkhulu lalinguOhola, udade wabo omncinane inguOholibha. Yayingabam, baza bandizalela oonyana neentombi. UOhola yiSamariya, uOholibha yiJerusalem.
5. “UOhola wabuqala ubuhenyukazi esengowam, wasemva kwezithandwa zakhe, ama-Asiriya, amadoda omkhosi,
6. wona egaxele impahla yawo ezuba; ewe, abalawuli nabaphathi-mkhosi, onke ingamagatyana anomkhitha nomfaneleko xa ekhwele emahashini awo.
7. Waba lihenyukazi lazo zonke izinxiba-mxhaka zaseAsiriya, wazenyelisa ngezithixo zabo bonke awayebabawela.
8. Akabuyekanga ubuhenyukazi awayebuqale eJiputa ebutsheni bakhe, apho abafana babelala naye, bamphatha-phathe amabele, bemnyumbazela ukufeba.
9. “Ndasuka ke mna ndamyekela kwizithandwa zakhe ama-Asiriya awayezilangazelela.
10. Zamhluba, zabathatha oonyana neentombi, zaza yena zamtyakatya ngekrele. Waba ngundaba-mlonyeni kwabanye abafazi, waza wohlwaywa.
11. “Udade wabo uOholibha wakubona konke oku, kodwa wagabadela kunodade wabo ngobufebe nobuhenyukazi.