ngoko ke ndiza kuwaqokelela onke amadoda akho abekuvisa ubumnandi ngokulala nawe, onke bethu, lawo ubuwathanda nalawo ubuwacaphukela. Ndiza kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndize nawo phambi kwakho, ndikuhambise ze, abubone ubuze bakho.