Naba ke abantu bephondo lakwaJuda abâkhululwáyo ekuthinjweni kwelaseBhabheli, okuya babethinjwe ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ke kaloku babuyela eJerusalem nakwaJuda, elowo waya kwidolophu yakowabo.