Ke umnweba lowo nehashe elo malinikwe elinye lawona matshawe kakumkani aphambili. Mabamfake loo mnweba ke umntu afuna ukumwonga ukumkani, baze bamkhwelise kwelo hashe, bamkhokele ahamba-hambe kwizitalato zesixeko, bona bahambe bekhwaza besithi: ‘Nantsi ke into ayenzelwayo umntu athanda ukumwonga ukumkani!’ ”