Ke kaloku emva kwezo ziganeko ukumkani uAsuwerosi wawonga uHaman unyana kaHamedata um-Agagi, wamphakamisa wamnika esona sihlalo siphezulu kunazo zonke ezinye izikhulu.