UModekayi lo ke wayenomzala ogama linguHadasa awayeze naye apho eBhabheli kuba eyinkedama engenatata namama. Le ntombi ke, egama limbi lalinguEstere, yayimile kakuhle iyinzwakazi. UModekayi lo ke wayithatha njengomntwana wakhe yakuba iswelekelwe nguyise nonina.