16. Uyayigqala intsimi, aze ayithenge,athathe kwimali ayisebenzeleyo, atyale isidiliya.
17. Usoloko ebhinqa omfutshane;iingalo zakhe zimelana nawo wonke umsebenzi.
18. Uyayiqwalasela inzuzo yokushishina kwakhe;isibane sakhe asicimi ebusuku.
19. Izandla zakhe aziyeki ukuphotha,neminwe yakhe ayisuki kumashini wokuluka.
20. Isandla sakhe sisoloko sivulekile kumahlwempu;ewe, izinwe zakhe zifikelela nakwabasweleyo.
21. Akanaxhala noba selikhithika,kuba kaloku usapho lwakhe lunezingayiwayo iimpahla zobusika.
22. Uzenzela iingubo zokwandlala ezihonjisiweyo kunene;unxiba ezelaphu elihle elimsobo.
23. Nendoda yakhe iyaziwa enkundleni ngasemasangweni,apho ihlala khona namadoda amakhulu elizwe.
24. Uthunga impahla entle yokunxiba, athengise ngayo;wenza imixwayo ayithengise kubarhwebi.
25. Uthiwe jize ngamandla nesidima,ibe ke akanaxhala ngengomso.
26. Xa evula umlomo uthetha ngobulumko;xa enika iziluleko oko ukwenza ngenceba.
27. Ulalusile ikhaya lakhe;akasidli isonka sobuvila.
28. Abantwana bakhe bayamhlonela, bathi unoyolo;nendoda yakhe ungayiva imncoma, isithi:
29. “Baninzi abafazi abenza imisebenzi emihle;kodwa wena ubagqwesa bonke!”
30. Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;kuphela ngumfazi ohlonela *uNdikhoyo oya kubongwa.
31. Ncoma umwonge ngenxa yoko kwenziwa zizandla zakhe;ewe, makutyibelwe kudombozwe ngemisebenzi yakhe naphaya emasangweni.